-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Reyes 8:21|
Wagqitha uYehoram, waya eTsahira, eneenqwelo zonke zokulwa. Wavuka ebusuku, wawaxabela amaEdom awayemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa; basaba abantu, baya ezintenteni zabo.
-
22
|2 Reyes 8:22|
Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena kwangelo xesha.
-
23
|2 Reyes 8:23|
Ezinye izinto zikaYoram, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
-
24
|2 Reyes 8:24|
UYoram walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide, uAhaziya unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
25
|2 Reyes 8:25|
Ngomnyaka weshumi elinesibini kaYoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wamaSirayeli, waba ngukumkani uAhaziya, unyana kaYehoram ukumkani wamaYuda.
-
26
|2 Reyes 8:26|
UAhaziya ebeminyaka imashumi mabini namibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba mnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguAtaliya, intombi kaOmri ukumkani wamaSirayeli.
-
27
|2 Reyes 8:27|
Wahamba ngendlela yendlu ka-Ahabhi, wenza okubi emehlweni kaYehova ngokwendlu ka-Ahabhi; ngokuba ebengumyeni wakwa-Ahabhi.
-
28
|2 Reyes 8:28|
Wahamba noYoram, unyana ka-Ahabhi, waya kulwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram eRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram.
-
29
|2 Reyes 8:29|
Wabuya uYoram ukumkani, waya kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumanayo kuma-Aram eRama, ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wehla uAhaziya, unyana kaYehoram ukumkani wamaYuda, esiya kumbona uYoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebengxwelerhiwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7