-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Reyes 9:1|
Ke uElisha umprofeti wabiza omnye koonyana babaprofeti, wathi kuye, Bhinqa isinqe sakho, uphathe eli gutyana leoli ngesandla sakho, uye eRamoti yaseGiliyadi;
-
2
|2 Reyes 9:2|
ungene khona, ukhangele khona uYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, uye utsho esuke phakathi kwabazalwana bakhe, umse engontsini engaphakathi;
-
3
|2 Reyes 9:3|
uthabathe igutyana leoli, umgalele entloko, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli; uluvule ke ucango, usabe, ungahlali.
-
4
|2 Reyes 9:4|
Waya umfana lowo, umkhonzi lowo womprofeti, eRamoti yaseGiliyadi.
-
5
|2 Reyes 9:5|
Wafika ke, naba abathetheli bempi behleli phantsi. Wathi, Ndinelizwi kuwe, mthetheli-mkhosi. Wathi uYehu, Kuwuphi na, phakathi kwethu aba sonke? Wathi, Kuwe, mthetheli-mkhosi.
-
6
|2 Reyes 9:6|
Wesuka, wangena endlwini, wamgalela ioli entloko, wathi kuye, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kubantu bakaYehova, kumaSirayeli.
-
7
|2 Reyes 9:7|
Woyixabela indlu ka-Ahabhi inkosi yakho, ndiwaphindezele amagazi abakhonzi bam abaprofeti, namagazi abakhonzi bonke bakaYehova, esandleni sikaIzebhele;
-
8
|2 Reyes 9:8|
idake yonke indlu ka-Ahabhi, ndinqumle kuAhabhi yonke into eyindoda, novalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.
-
9
|2 Reyes 9:9|
Ndoyenza indlu ka-Ahabhi ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya;
-
10
|2 Reyes 9:10|
zimdle izinja uIzebhele esiqwengeni esiseYizereli, kungabikho umngcwabayo. Waluvula ucango, wasaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10