-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Reyes 9:21|
Wathi uYoram, Bopha. Yabotshwa inqwelo yakhe yokulwa. Waphuma uYoram ukumkani wamaSirayeli, noAhaziya ukumkani wamaYuda, elowo esenqwelweni yakhe yokulwa. Baphuma baya kumkhawulela uYehu, bamfumana esiqwengeni somhlaba sikaNabhoti waseYizereli.
-
22
|2 Reyes 9:22|
Kwathi uYoram, akumbona uYehu, wathi, Luxolo na, Yehu? Wathi yena, Luxolo lwani na, xa ukuhenyuza kukaIzebhele unyoko, nokukhafula kwakhe okuninzi, kusahleliyo nje?
-
23
|2 Reyes 9:23|
UYoram wawajika amahashe ngezandla zakhe, wasaba. Wathi kuAhaziya, Licebo, Ahaziya.
-
24
|2 Reyes 9:24|
UYehu waqubula isaphetha sakhe, watsho kuYoram phakathi kwamagxa, utolo lwaphumela ephaphini lakhe, wee buthuthu enqwelweni yakhe.
-
25
|2 Reyes 9:25|
Wathi uYehu kuBhidekare, umphathi-mkhosi wakhe, Mthwale, umphose esiqwengeni somhlaba kaNabhoti wakwaYizereli; ngokuba, khumbula, oko sasikhwele thina sobabini, mna nawe, emva koAhabhi uyise, uYehova wahlaba eso sihlabo ngaye.
-
26
|2 Reyes 9:26|
Inene amagazi kaNabhoti, namagazi oonyana bakhe, ndiwabonile izolo, utsho uYehova; ndiya kukuphindezelela kwesi siqwenga somhlaba, utsho uYehova. Ke ngoko mthwale, umphose esiqwengeni eso ngokwelizwi likaYehova.
-
27
|2 Reyes 9:27|
UAhaziya ukumkani wakwaYuda, ekubonile oko, wasaba ngendlela yendlu yasemyezweni. UYehu wamsukela, wathi, Naye mgwazeleni enqwelweni yokulwa (kube kuseqhineni leGure elingaseIhlam). Wasaba ke waya eMegido, wafela khona.
-
28
|2 Reyes 9:28|
Abakhonzi bakhe bamsa ngenqwelo eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe kooyise, emzini kaDavide.
-
29
|2 Reyes 9:29|
Ngomnyaka weshumi elinamnye kaYoram unyana ka-Ahabhi, uAhaziya waba ngukumkani wakwaYuda.
-
30
|2 Reyes 9:30|
Uthe uYehu akufika eYizereli, weva uIzebhele, waziqaba amehlo, wazihombisa intloko, wavela ngefestile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10