-
-
Xhosa
-
-
41
|2 Reyes 4:41|
Wathi, Yizani nomgubo. Wawugalela embizeni, wathi, Baphakele abantu, badle; akwabakho nto imbi embizeni.
-
42
|2 Reyes 4:42|
Kwavela indoda eBhahali-shalisha, yamzisela umfo wakwaThixo ukudla okutsha: izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe. Wathi, Nika abantu, badle.
-
43
|2 Reyes 4:43|
Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba utsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye.
-
44
|2 Reyes 4:44|
Wabeka ke phambi kwabo; badla bakushiya, ngokwelizwi likaYehova.
-
1
|2 Reyes 5:1|
Ke kaloku uNahaman, umthetheli-mkhosi wokumkani wakwa-Aram, waye eyindoda enkulu enkosini yakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ama-Aram usindiso ngaye. Loo ndoda yabe iligorha, ilikroti, kodwa ineqhenqa.
-
2
|2 Reyes 5:2|
Ama-Aram ayephume aya kututa, athimba ezweni lakwaSirayeli intombazana; yasisicakakazi kumkaNahaman.
-
3
|2 Reyes 5:3|
Yathi kwinkosikazi yayo, Akwaba inkosi yam le ibiphambi komprofeti okwaSamari! Ubeya kuyiphilisa eqhenqeni layo.
-
4
|2 Reyes 5:4|
Waya wayixelela inkosi yakhe, wathi, Ithe yathi, yathi ukuthetha, intombi evela ezweni lakwaSirayeli.
-
5
|2 Reyes 5:5|
Wathi ukumkani wama-Aram, Hamba uye, ndomthumela incwadi ukumkani wakwaSirayeli. Wahamba, waphatha esandleni sakhe ishumi leetalente zesilivere, namawaka amathandathu eeshekele zegolide, neshumi leengubo zokukhululana.
-
6
|2 Reyes 5:6|
Wayizisa incwadi kukumkani wakwaSirayeli, isithi, Kaloku ke, ekufikeni kwale ncwadi kuwe, yabona, ndikuthumele uNahaman umkhonzi wam, ukuba umphilise eqhenqeni lakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10