-
-
Xhosa
-
-
21
|2 Reyes 4:21|
Wenyuka, wamlalisa esingqengqelweni somfo wakwaThixo, wamvalela, waphuma.
-
22
|2 Reyes 4:22|
Wabiza indoda yakhe, wathi, Khawundithumele omnye wakubafana, nenye yeemazi zamaesile, khe ndithi gxada, ndiye kumfo wakwaThixo, ndibuye ndibuye.
-
23
|2 Reyes 4:23|
Wathi yena, Yini na ukuba uhambe uye kuye namhla? Akuthwase nyanga, asiyisabatha. Wathi yena, Kulungile.
-
24
|2 Reyes 4:24|
Wayibopha imazi ye-esile, wathi kumfana lowo, Qhuba uhambe, musa ukuzibambezela ekukhweleni ngenxa yam, ndigatshonga kuwe.
-
25
|2 Reyes 4:25|
Wahamba wada weza kumfo wakwaThixo entabeni yeKarmele. Waza umfo wakwaThixo, akumbona esekude, wathi kuGehazi umfana, Nankuya laa mShunemekazi;
-
26
|2 Reyes 4:26|
khawugidime ngoku, umkhawulele, uthi kuye, Uhleli kakuhle na? Ihleli kakuhle na indoda yakho? Uhleli kakuhle na umntwana? Wathi, Kusahleliwe kakuhle.
-
27
|2 Reyes 4:27|
Akufika kumfo wakwaThixo entabeni, wambamba ngeenyawo. Wasondela uGehazi ukuba amsunduze; wathi umfo wakwaThixo, Myeke, ngokuba umphefumlo wakhe ukrakra; uYehova undifihlele, akandixelela.
-
28
|2 Reyes 4:28|
Wathi, Ndakha ndacela unyana yini na enkosini yam? Ndandingatshongo yini na ukuthi, Uze ungandilahlekisi?
-
29
|2 Reyes 4:29|
Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba uthe waqubisana nomntu, uze ungambulisi; ukuba uthe umntu wakubulisa, uze ungamphenduli; uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo.
-
30
|2 Reyes 4:30|
Wathi unina wenkwenkwe, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Wesuka ke wamlandela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10