-
-
Xhosa
-
-
18
|2 Reyes 3:18|
Loo nto ilula emehlweni kaYehova; uya kuwanikela namaMowabhi esandleni senu.
-
19
|2 Reyes 3:19|
Noyixabela yonke imizi enqatyisiweyo, nemizi yonke enyuliweyo, niyiwise yonke imithi emihle, niyidibelele yonke imithombo yamanzi, niwonakalise onke amasimi amahle ngamatye.
-
20
|2 Reyes 3:20|
Kwathi kusasa, xa kunyuswa umnikelo wokudla, nanko kusiza amanzi, evela ngendlela yakwaEdom, ilizwe lazala amanzi.
-
21
|2 Reyes 3:21|
Eva ke onke amaMowabhi ukuba benyukile ookumkani, besiza kulwa nawo, ahlaba umkhosi kwintanga yonke exhobayo nengaphezulu, ema emdeni.
-
22
|2 Reyes 3:22|
Avuka kusasa, ilanga lithe chapha emanzini; amaMowabhi awabona amanzi phambi kwawo, ebomvu njengegazi;
-
23
|2 Reyes 3:23|
athi, Ligazi le nto; ookumkani bachithene bodwa, babulalana. Nalo ke ixhoba, Mowabhi.
-
24
|2 Reyes 3:24|
Afika ke emkhosini wakwaSirayeli; asuka amaSirayeli, awaxabela amaMowabhi, asaba wona ebusweni bawo, alingenela ilizwe, ehamba ewaxabela amaMowabhi.
-
25
|2 Reyes 3:25|
Bayigungxula nemizi; emasimini onke amahle, elowo waphosa ilitye lakhe, bawazalisa, bayidibelela yonke imithombo yamanzi, bayiwisa yonke imithi emihle, kwada eKir-hareshete kwasala amatye ayo odwa; bayirhawula abasawuli, batsho kuyo.
-
26
|2 Reyes 3:26|
Wabona ukumkani wamaMowabhi, ukuba impi imkhulele, wathabathela kuye amadoda angamakhulu asixhenxe arhola ikrele, ukuba atyhudise, abheke kukumkani wakwaEdom; akaba nako.
-
27
|2 Reyes 3:27|
Wathabatha unyana wakhe wamazibulo, obeya kuba ngukumkani esikhundleni sakhe, wamnyusa waba lidini elinyukayo phezu kodonga. Afikelwa buburhalarhume obukhulu amaSirayeli. Ancothuka kuye, abuyela ezweni lawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10