-
-
Xhosa
-
-
13
|2 Reyes 2:13|
wayichola ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye; wabuya, wafika wema elunxwemeni lweYordan.
-
14
|2 Reyes 2:14|
Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Uphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? Wabetha ke emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; wawela uElisha.
-
15
|2 Reyes 2:15|
Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko malunga naye, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Baya kumkhawulela, baqubuda kuye.
-
16
|2 Reyes 2:16|
Bathi kuye, Yabona, kukho kubakhonzi bakho amadoda amashumi mahlanu anobukroti; makhe aye kuyifuna inkosi yakho, ukuba uMoya kaYehova akayifukulanga na, wayiphosa entabeni ethile, nokuba kusemfuleni othile. Wathi, Musani ukuwathuma.
-
17
|2 Reyes 2:17|
Bamjoka, wada waneentloni, wathi, Wathumeni. Bawathuma ke amadoda amashumi mahlanu; amfuna iintsuku ezintathu, akamfumana.
-
18
|2 Reyes 2:18|
Abuya eza kuye; waye eseYeriko, wathi kuwo, Ndibe ndingatshongo na kuni ukuthi, Musani ukuya?
-
19
|2 Reyes 2:19|
Athi amadoda aloo mzi kuElisha, Uyabona, ukuma kwalo mzi kuhle, njengoko ibonayo inkosi yethu; ke amanzi mabi, nalo mhlaba awuniki nto.
-
20
|2 Reyes 2:20|
Wathi, Ndiziseleni isitya esitsha, nigalele ityuwa kuso. Amzisela ke.
-
21
|2 Reyes 2:21|
Waphuma, waya apho aphuma khona amanzi, wayigalela kuwo ityuwa, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaphilisile la manzi; akusayi kuba saphuma kufa kuwo, nakunganiki.
-
22
|2 Reyes 2:22|
Aphila ke amanzi lawo unanamhla, ngokwelizwi likaElisha awalithethayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10