-
-
Xhosa
-
-
20
|2 Reyes 6:20|
Kwathi, bakufika kwaSamari, wathi uElisha, Yehova, wavule amehlo aba bantu, babone. Wawavula uYehova amehlo abo, babona. Nanku, bephakathi komzi wakwaSamari.
-
21
|2 Reyes 6:21|
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuElisha, akubabona, Ndibaxabele na, ndibaxabele na, bawo?
-
22
|2 Reyes 6:22|
Wathi yena, Uze ungabaxabeli. Obathimbileyo ngekrele lakho nesaphetha sakho ubungabaxabelayo na? Beka isonka namanzi phambi kwabo, badle, basele, bahambe, baye enkosini yabo.
-
23
|2 Reyes 6:23|
Wabenzela isidlo esikhulu; badla basela; wabandulula, bahamba baya enkosini yabo. Akaba saphinda amatutu ama-Aram ukulingena ilizwe lamaSirayeli.
-
24
|2 Reyes 6:24|
Kwathi emva koko, wayihlanganisa uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, yonke impi yakhe, wenyuka wawungqinga umzi wakwaSamari.
-
25
|2 Reyes 6:25|
Kwabakho ke indlala enkulu kwaSamari. Yabona, bawungqinga ke, yada intloko ye-esile yathengiswa ngamashumi osibhozo eeshekele zesilivere, nesahlulo sesine sekabhe yendlelo yamavukuthu saba sisihlanu sesilivere.
-
26
|2 Reyes 6:26|
Kwathi, edlula ukumkani wakwaSirayeli phezu kodonga, intokazi yamemeza kuye, isithi, Sindisa, nkosi yam, kumkani.
-
27
|2 Reyes 6:27|
Wathi yena, Engakusindisi nje uYehova, ndokusindisa ngantoni na mna? ngesanda, ngesixovulelo sediliya, kusini na?
-
28
|2 Reyes 6:28|
Wathi ukumkani kuyo, Uhlelwe yintoni na? Wathi, Lo mfazi uthe kum, Ndinike unyana wakho, sidle yena namhla, sidle unyana wam ngomso.
-
29
|2 Reyes 6:29|
Sampheka ke unyana wam, samdla; ndathi kuye ngomhla olandelayo, Ethe unyana wakho, simdle; wamzimeza unyana wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10