-
-
Xhosa
-
-
7
|2 Reyes 7:7|
Besuka ke, basaba ngongcwalazi, bazishiya iintente zabo, namahashe abo, namaesile abo eminqubeni, injengoko ibinjalo; basabisa ubomi babo.
-
8
|2 Reyes 7:8|
Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha apho isilivere negolide neengubo, aya kuziqhusheka; abuya, angena kwenye intente, athabatha nakhona, aya kuqhusheka.
-
9
|2 Reyes 7:9|
Yathi enye kwenye, Asilungisi; le mini yimini yeendaba ezilungileyo, sithe cwaka nje; ukuba silinde kwada kwasa, siya kuzeka ityala. Hambani ke ngoko, siye sixele endlweni yokumkani.
-
10
|2 Reyes 7:10|
Afika, abiza umlindi wesango lomzi, amxelela, athi, Sifike eminqubeni yama-Aram, nanko kungekho mntu khona, nazwi lamntu, kuphela ingamahashe abotshelelweyo namaesile abotshelelweyo, neentente zinjengoko bezinjalo.
-
11
|2 Reyes 7:11|
Bamemeza abalindi-masango omzi; baxelela indlu yokumkani ngaphakathi.
-
12
|2 Reyes 7:12|
Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Ayazi ukuba silambile; aphumile eminqubeni, aya kuzimela endle, esithi, Bothi bakuphuma kuwo umzi, sibabambe behleli, singene kuwo umzi.
-
13
|2 Reyes 7:13|
Waphendula omnye wakubakhonzi bakhe, wathi, Makhe kuthatyathwe abe mahlanu kumahashe aseleyo, la aseleyo phakathi komzi (yabona, anjengengxokolo yonke yamaSirayeli eseleyo kuwo; yabona, anjengengxokolo yonke yakwaSirayeli ephelileyo), siwathume sibone.
-
14
|2 Reyes 7:14|
Kwathatyathwa iinqwelo ezimbini zokulwa ezinamahashe, waphuthumisa ukumkani emva komkhosi wama-Aram, wathi, Hambani niye kubona.
-
15
|2 Reyes 7:15|
Bawaphuthuma, bada baya eYordan; nantso indlela yonke izele ziingubo neempahla, abezilahlile ama-Aram ekubalekeni kwawo buphuthuphuthu. Babuya abathunywa abo, bamxelela ukumkani.
-
16
|2 Reyes 7:16|
Baphuma ke abantu, bayiphanga iminquba yama-Aram. Yathi iseha yomgubo ocoliweyo yayeyeshekele, iiseha ezimbini zerhasi zazezeshekele, ngokwelizwi likaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10