-
-
Xhosa
-
-
31
|2 Reyes 10:31|
Ke uYehu akakugcinanga ukuhamba ngomyalelo kaYehova uThixo kaSirayeli ngentliziyo yakhe yonke; akatyekanga ezonweni zikaYarobheham, awawonisa ngazo amaSirayeli.
-
32
|2 Reyes 10:32|
Ngaloo mihla waqala uYehova ukunciphisa kumaSirayeli. Wawaxabela uHazayeli emideni yonke yakwaSirayeli,
-
33
|2 Reyes 10:33|
wathabathela eYordan empumalanga, lonke ilizwe laseGiliyadi, elamaGadi, nelamaRubhen, nelamaManase; wathabathela eArohere, engasemlanjaneni oyiArnon, elaseGiliyadi nelaseBhashan.
-
34
|2 Reyes 10:34|
Ezinye izinto zikaYehu, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe bonke, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
-
35
|2 Reyes 10:35|
UYehu walala kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari. UYehowahazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
36
|2 Reyes 10:36|
Imihla uYehu awaba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, yaba yiminyaka emashumi mabini anesibhozo.
-
1
|2 Reyes 11:1|
Ke kaloku uAtaliya, unina ka-Ahaziya, uthe, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wesuka wayitshabalalisa yonke imbewu yokumkani.
-
2
|2 Reyes 11:2|
Ke uYoshebha, intombi yokumkani uYehoram, udade boAhaziya, wamthabatha uYowashe unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wamsa yena nomondli wakhe egumbini lokulala, bamfihla kuAtaliya, ukuba angabulawa.
-
3
|2 Reyes 11:3|
Wayenaye endlwini kaYehova, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu. Waye uAtaliya engukumkanikazi kulo ilizwe.
-
4
|2 Reyes 11:4|
Ngomnyaka wesixhenxe uYehoyada wathumela, wathabatha abathetheli-makhulu basebancinithini nabasezigidimini, wabazisa kuye endlwini kaYehova. Wabamisela umnqophiso, wabafungisa endlwini kaYehova, wababonisa unyana wokumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19