-
-
Xhosa
-
-
15
|2 Reyes 11:15|
UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bempi leyo, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, makangabulawelwa endlwini kaYehova. Bamkhwelela ngeenxa zombini.
-
16
|2 Reyes 11:16|
Waya endlwini yokumkani ngendlela yokungena kwamahashe, wabulawelwa khona.
-
17
|2 Reyes 11:17|
Wawenza uYehoyada umnqophiso phakathi koYehova nokumkani nabantu, ukuba babe ngabantu bakaYehova; naphakathi kokumkani nabantu.
-
18
|2 Reyes 11:18|
Baya bonke abantu belizwe endlwini kaBhahali, bayidiliza; izibingelelo zakhe nemifanekiso yakhe bayiqhekeza kwaphela. Bambulala uMatan, umbi ngeleli kaBhahali, phambi kwesibingelelo. Umbingeleli wamisa abaveleli endlwini kaYehova.
-
19
|2 Reyes 11:19|
Wabathabatha abathetheli-makhulu, nabancinithi, nezigidimi, nabantu bonke belizwe, behla nokumkani endlwini kaYehova, baya endlwini yokumkani ngendlela yesango lezigidimi. Wahlala ke etroneni yokumkani.
-
20
|2 Reyes 11:20|
Bavuya bonke abantu belizwe; wazola umzi; kuba babembulele uAtaliya ngekrele endlwini yokumkani.
-
21
|2 Reyes 11:21|
UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe.
-
1
|2 Reyes 12:1|
Waba ngukumkani uYowashe ngomnyaka wesixhenxe kaYehu; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem. Ke igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha.
-
2
|2 Reyes 12:2|
UYowashe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova yonke imihla yakhe, abemyala ngayo uYehoyada umbingeleli.
-
3
|2 Reyes 12:3|
Kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10