-
-
Xhosa
-
-
3
|2 Reyes 13:3|
Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sikaHazayeli ukumkani wakwa-Aram, nasesandleni sikaBhen-hadadi, unyana kaHazayeli, yonke imihla.
-
4
|2 Reyes 13:4|
UYehowahazi wambongoza uYehova; uYehova wamva ke; ngokuba wakubona ukuxinwa kwamaSirayeli; ngokuba ukumkani wama-Aram wayewaxinile.
-
5
|2 Reyes 13:5|
(UYehova wawanika amaSirayeli umsindisi, aphuma phantsi kwesandla sama-Aram; bahlala oonyana bakaSirayeli ezintenteni zabo, njengokwangaphambili;
-
6
|2 Reyes 13:6|
nakuba babengatyekanga ezonweni zendlu kaYarobheham awawonisa ngazo amaSirayeli, asuka ahamba kuzo; noAshera wayesemi kwaSamari.)
-
7
|2 Reyes 13:7|
Ngokuba akamshiyelanga bantu uYehowahazi, yaba ngamashumi amahlanu abamahashe, neshumi leenqwelo zokulwa, neshumi lamawaka omqikela; ngokuba wabatshabalalisa ukumkani wakwa-Aram, wabenza baba njengothuli lokunyathelwa.
-
8
|2 Reyes 13:8|
Ezinye izinto zikaYehowahazi, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
-
9
|2 Reyes 13:9|
Walala uYehowahazi kooyise, bamngcwabela kwaSamari. UYehohashe, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
10
|2 Reyes 13:10|
Ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe kaYowashe ukumkani wakwaYuda, uYehohashe unyana kaYehowahazi waba ngukumkani wamaSirayeli kwaSamari, iminyaka elishumi elinamithandathu.
-
11
|2 Reyes 13:11|
Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka kwizono zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; wasuka wahamba kuzo.
-
12
|2 Reyes 13:12|
Ezinye izinto zikaYehohashe, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 1-4