-
-
Xhosa
-
-
11
|Apocalipsis 12:11|
Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni.
-
12
|Apocalipsis 12:12|
Ngenxa yoko yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo. Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.
-
13
|Apocalipsis 12:13|
Yaza yathi inamba, yakubona ukuba iphoswe emhlabeni, yamtshutshisa umfazi ozele umntwana oyinkwenkwe.
-
14
|Apocalipsis 12:14|
Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kude nobuso benyoka.
-
15
|Apocalipsis 12:15|
Inyoka yakhupha emva komfazi ngomlomo wayo amanzi anjengomlambo, ukuze imkhukulise nomlambo.
-
16
|Apocalipsis 12:16|
Umhlaba wamsiza umfazi, wathi umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawufinca umlambo eyawukhuphayo inamba ngomlomo wayo.
-
17
|Apocalipsis 12:17|
Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21