-
-
Xhosa
-
-
1
|Apocalipsis 18:1|
Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli baso.
-
2
|Apocalipsis 18:2|
Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi: Iwile, iwile iBhabheli enkulu, Yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo, Nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo.
-
3
|Apocalipsis 18:3|
Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo, Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo, Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo.
-
4
|Apocalipsis 18:4|
Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi: Phumani kuyo, bantu bam, Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.
-
5
|Apocalipsis 18:5|
Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini, Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.
-
6
|Apocalipsis 18:6|
Yibuyekezeni, njengoko nayo yanibuyekezayo, Niyiphinde impinda ngokwemisebenzi yayo; Indebe eyaniphithikezela yona, yiphithikezeleni impinda nani.
-
7
|Apocalipsis 18:7|
Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo. Ngokuba ithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi, Andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili.
-
8
|Apocalipsis 18:8|
Ngenxa yoko ziya kufika ngamini-nye izibetho zayo, Ukufa, nesijwili, nendlala. Iya kutsha ngumlilo, Ngokuba ligorha iNkosi uThixo, lowo uyigwebayo.
-
9
|Apocalipsis 18:9|
Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela, Bayimbambazelele, bakuwubona umsi wokutsha kwayo;
-
10
|Apocalipsis 18:10|
Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla! Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7