-
-
Xhosa
-
-
1
|Apocalipsis 5:1|
Ndabona, esandleni sokunene salowo uhleli etroneni, incwadi ibhalwe ngaphakathi nangaphandle, itywinwe ngamatywina asixhenxe.
-
2
|Apocalipsis 5:2|
Ndabona isithunywa sezulu esomeleleyo, sivakalisa ngezwi elikhulu, sisithi, Ngubani na ofanele ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo?
-
3
|Apocalipsis 5:3|
Akabakho namnye ezulwini, naphezu komhlaba, nangaphantsi komhlaba, unako ukuyivula incwadi, nokuyikhangela oku.
-
4
|Apocalipsis 5:4|
Ndandilila kakhulu mna, ngokuba kungafunyanwanga namnye ufanele ukuyivula nokuyilesa incwadi, nokuyikhangela oku.
-
5
|Apocalipsis 5:5|
Yathi enye indoda enkulu kum, Musa ukulila; yabona, iNgonyama yesizwe sakwaYuda, iNgcambu kaDavide, ikweyisile ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo asixhenxe.
-
6
|Apocalipsis 5:6|
Ndabona, nantso, esazulwini setrone nesezinto eziphilileyo zone, nasesazulwini samadoda amakhulu, iMvana engathi ixheliwe, imi ineempondo ezisixhenxe, namehlo asixhenxe angooMoya bosixhenxe bakaThixo, abathunyelwe emhlabeni wonke.
-
7
|Apocalipsis 5:7|
Yeza, yayithabatha incwadi esandleni sokunene salowo uhleli etroneni.
-
8
|Apocalipsis 5:8|
Yathi yakuyithabatha incwadi, izinto eziphilileyo zone, namadoda amakhulu angamashumi mabini anamane, awa phambi kweMvana, iyileyo inohadi, nengqayi yegolide izele ziziqhumiso, eziyiyo imithandazo yabangcwele.
-
9
|Apocalipsis 5:9|
Avuma ingoma entsha, esithi: Ufanele ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo; Ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho, Siphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga;
-
10
|Apocalipsis 5:10|
Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu; Sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7