-
-
Xhosa
-
-
1
|Apocalipsis 12:1|
Kwabonakala umqondiso omkhulu emazulwini: umfazi ethiwe wambu ngelanga, inyanga ingaphantsi kweenyawo zakhe, entloko kuye isisithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinambini.
-
2
|Apocalipsis 12:2|
Uthi emithi akhale, enenimba, ethuthunjelwa ekuzaleni.
-
3
|Apocalipsis 12:3|
Kwabonakala omnye umqondiso emazulwini: nantso, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, kwiintloko zayo izizithsaba ezisixhenxe.
-
4
|Apocalipsis 12:4|
Umsila wayo wawurhola isahlulo sesithathu seenkwenkwezi zezulu, waziphosa emhlabeni. Yathi inamba leyo yema phambi komfazi owayeza kuzala, ukuze, xa athe wazala, imdle imgqibe umntwana wakhe.
-
5
|Apocalipsis 12:5|
Wazala umntwana oyinkwenkwe, oza kuzalusa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi; umntwana wakhe lowo wathiwa xwi, wasiwa kuye uThixo, nakuyo itrone yakhe.
-
6
|Apocalipsis 12:6|
Wathi umfazi wasabela entlango, apho ikhona indawo ayilungiselwe nguThixo, ukuze bamnqake khona imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu.
-
7
|Apocalipsis 12:7|
Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli nezithunywa zakhe besilwa nenamba, inamba nezithunywa zayo zisilwa;
-
8
|Apocalipsis 12:8|
azaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini.
-
9
|Apocalipsis 12:9|
Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.
-
10
|Apocalipsis 12:10|
Ndaza ndeva izwi elikhulu emazulwini lisithi, Ngoku luthe usindiso, namandla, nobukumkani, lwaba lolukaThixo wethu, negunya laba lelikaKristu wakhe; ngokuba ukhahlelwe phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, lowo ubamangalelayo emehlweni kaThixo wethu imini nobusuku.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7