-
-
Xhosa
-
-
1
|Apocalipsis 9:1|
Sathi esesihlanu isithunywa savuthela ixilongo; ndabona inkwenkwezi iphuma ezulwini, yawela emhlabeni; sanikwa isitshixo sequla lenzonzobila.
-
2
|Apocalipsis 9:2|
Salivula iqula lenzonzobila. Kwenyuka umsi uphuma equleni apho, njengomsi weziko elikhulu, lamnyama ilanga nesibhakabhaka ngumsi wequla elo.
-
3
|Apocalipsis 9:3|
Emsini apho kwaphuma iinkumbi, ezeza emhlabeni, zanikwa igunya, njengokuba benegunya oonomadudwane bomhlaba.
-
4
|Apocalipsis 9:4|
Kwathiwa kuzo, ize utyani bomhlaba zingaboni, nanye into eluhlaza, nanye into engumthi; ibe ngabantu bodwa, bona abo bangenalo itywina likaThixo emabunzini abo.
-
5
|Apocalipsis 9:5|
Zanikwa igunya lokungababulali, bathuthunjelwe nje kodwa iinyanga ezintlanu; intuthumbo yazo yayinjengentuthumbo yoonomadudwane, xa athe wamhlaba umntu.
-
6
|Apocalipsis 9:6|
Ngaloo mihla abantu baya kukufuna ukufa, bangakufumani; baya kukunqwenela ukufa, kusuke ukufa kusabe kubo.
-
7
|Apocalipsis 9:7|
Iimfano zeenkumbi ezo, zibe zifana namahashe, elungiselwe imfazwe, ezintloko izizithsaba ezifana negolide, nobuso bazo bunjengobuso babantu.
-
8
|Apocalipsis 9:8|
Zaye zineenwele ezingathi ziinwele zamankazana, namazinyo azo engathi ngawengonyama.
-
9
|Apocalipsis 9:9|
Zaye zinezigcina-zifuba ezingathi zizigcina-zifuba zentsimbi, isandi samaphiko azo singathi sisandi seenqwelo zamahashe amaninzi, ebaleka esiya emfazweni.
-
10
|Apocalipsis 9:10|
Zinemisila efana neyoonomadudwane, kukho nezamvila emisileni yazo; igunya lazo lilelokona abantu iinyanga ezintlanu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7