-
-
Xhosa
-
-
11
|Apocalipsis 9:11|
Zinokumkani phezu kwazo, usisithunywa senzonzobila, ogama lakhe ngesiHebhere linguAbhadon, ngesiGrike unegama elinguApoliyon.
-
12
|Apocalipsis 9:12|
Owokuqala uyeha udlule; yabona, kuza ooyeha ababini emva koko.
-
13
|Apocalipsis 9:13|
Sathi esesithandathu isithunywa savuthela ixilongo, ndeva izwi liphuma ezimpondweni zone zesibingelelo segolide esisemehlweni kaThixo,
-
14
|Apocalipsis 9:14|
lisithi kwisithunywa sesithandathu esasinexilongo, Zikhulule izithunywa ezine ezikhonkxwe emlanjeni omkhulu ongumEfrati.
-
15
|Apocalipsis 9:15|
Zaza zakhululwa izithunywa zozine, ezazilungiselwe ilixa nemini nenyanga nomnyaka, ukuze zibulale isahlulo sesithathu sabantu.
-
16
|Apocalipsis 9:16|
Laye inani lemikhosi yamahashe lizizigidi zezigidi eziphindeke kabini; ndaliva inani layo.
-
17
|Apocalipsis 9:17|
Ndawabona ngokunjalo amahashe embonweni lowo, nabo babehleli phezu kwawo, benezigcina-zifuba ezimlilo, nezimsi, nezisulfure; iintloko zamahashe zingathi ziintloko zeengonyama, emlonyeni wawo kuphuma umlilo, nomsi, nesulfure.
-
18
|Apocalipsis 9:18|
Ngezo nto zontathu sabulawa isahlulo sesithathu sabantu ngomlilo, nangomsi, nangesulfure, ezaphumayo emlonyeni wawo.
-
19
|Apocalipsis 9:19|
Kuba amagunya awo asemlonyeni wawo nasemisileni yawo; kuba imisila yawo ifana neenyoka, ineentloko; ngayo ayonakalisa.
-
20
|Apocalipsis 9:20|
Amasalela abantu, abangabulawanga ngazo ezo zibetho, akaguqukanga emisebenzini yezandla zawo, ukuze angaqubudi kuzo iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako nokubona, nokuva, nokuhamba;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7