-
-
Xhosa
-
-
1
|Apocalipsis 2:1|
Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi: Utsho lowo uzibambileyo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesokunene sakhe, lowo uhambayo phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, ukuthi:
-
2
|Apocalipsis 2:2|
Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile, bengengabo, wabafumana bengamaxoki.
-
3
|Apocalipsis 2:3|
Uthwele, unomonde; uthe ngenxa yegama lam wabulaleka, akwadinwa.
-
4
|Apocalipsis 2:4|
Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo.
-
5
|Apocalipsis 2:5|
Khumbula ngoko apho uwe usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke.
-
6
|Apocalipsis 2:6|
Kodwa unale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.
-
7
|Apocalipsis 2:7|
Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi kaThixo.
-
8
|Apocalipsis 2:8|
Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi: Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi:
-
9
|Apocalipsis 2:9|
Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana.
-
10
|Apocalipsis 2:10|
Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7