-
-
Xhosa
-
-
11
|Apocalipsis 18:11|
Nabarhwebi bomhlaba baya kulila, benze isijwili ngenxa yayo, Ngokuba ingasathengwa bani impahla yabo yomkhombe:
-
12
|Apocalipsis 18:12|
Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile, Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa, Nomthi wonke ongumsedare, Nezitya zonke zeempondo zeendlovu, Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu, Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore,
-
13
|Apocalipsis 18:13|
Nesinamon, neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka emhlophe, Newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa, Namaqegu, nezimvu, namahashe, neenqwelo, Nemizimba nemiphefumlo yabantu.
-
14
|Apocalipsis 18:14|
Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe, Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe; Akusayi kuba sazifumana zona.
-
15
|Apocalipsis 18:15|
Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo, Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,
-
16
|Apocalipsis 18:16|
Belila, besenza isijwili, besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Owawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo ebomvu, nengubo emfusa, Uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile! Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka.
-
17
|Apocalipsis 18:17|
Bonke abaqhubi-mikhombe, nayo yonke indibandiba esezinqanaweni, Noomateloshe, nabo bonke abasebenza elwandle,
-
18
|Apocalipsis 18:18|
Bema kude, bamana bedanduluka, bakuwubona umsi wokutsha kwayo, Besithi, Nguwuphi na ofana nalo mzi mkhulu?
-
19
|Apocalipsis 18:19|
Bagalela uthuli entloko, Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili, Besithi, Yeha, yeha, mzimkhulu, Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo! Ngokuba ngalixa linye uphanzisiwe.
-
20
|Apocalipsis 18:20|
Wenzele imihlali, nina mazulu, Nani bapostile bangcwele, nani baprofeti; Ngokuba uThixo eniphindezelele kuwo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21