-
-
Xhosa
-
-
11
|Apocalipsis 17:11|
Irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, lona lingowesibhozo okwangowabasixhenxe; umka aye entshabalalweni.
-
12
|Apocalipsis 17:12|
Iimpondo ezilishumi owazibonayo zingookumkani abalishumi, bona abo bangekamkeli bukumkani, basuka bamkele, njengookumkani, igunya lelixa elinye kunye nerhamncwa.
-
13
|Apocalipsis 17:13|
Aba banasicamango sinye, babeya kunikela amandla negunya labo kulo irhamncwa.
-
14
|Apocalipsis 17:14|
Aba baya kwenza imfazwe neMvana. IMvana iya kubeyisa, ngokuba inguNkosi kankosi, inguKumkani kakumkani; baya kweyisa nabo banayo, babiziweyo, banyuliweyo, bathembekileyo.
-
15
|Apocalipsis 17:15|
Sithi kum, Amanzi owawabonayo, apho lihleli khona ihenyukazi, ngabantu, nezihlwele, neentlanga, neelwimi;
-
16
|Apocalipsis 17:16|
iimpondo ezilishumi owazibonayo ziserhamncweni, ngabo baya kulithiya ihenyukazi, baliphanzise, balihlube, bayidle inyama yalo, balitshise ngomlilo.
-
17
|Apocalipsis 17:17|
Kuba uThixo ubeke ezintliziyweni zabo ukwenza ingcinga yakhe, benze ngcinga-nye, babunike irhamncwa ubukumkani babo, ade azaliseke amazwi kaThixo.
-
18
|Apocalipsis 17:18|
Inkazana owayibonayo nguloo mzi mkhulu, ulawula ookumkani bomhlaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21