-
-
Xhosa
-
-
11
|Apocalipsis 21:11|
unobuqaqawuli bukaThixo; isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi ebengezela njengekristale.
-
12
|Apocalipsis 21:12|
Kananjalo unodonga olukhulu oluphakamileyo. Unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini; kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli;
-
13
|Apocalipsis 21:13|
ngasempumalanga ingamasango mathathu, ngasentla ingamasango mathathu, ngasezantsi ingamasango mathathu, ngasentshonalanga ingamasango mathathu.
-
14
|Apocalipsis 21:14|
Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile abalishumi elinababini bayo iMvana.
-
15
|Apocalipsis 21:15|
Lowo ubethetha nam wayenengcongolo yegolide, ukuba awulinganise umzi lowo, namasango awo, nodonga lwawo.
-
16
|Apocalipsis 21:16|
Umzi lowo umbombo-ne ukuma kwawo; ubude bawo bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya ezilishumi linazibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana.
-
17
|Apocalipsis 21:17|
Walulinganisa nodonga lwawo, ikhulu elinamanci mane anesine leekubhite, ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, wesithunywa sezulu.
-
18
|Apocalipsis 21:18|
Isakhiwo sodonga lwawo yiyaspisi; Umzi yigolide engcwengekileyo, efana negilasi ebonakalelayo,
-
19
|Apocalipsis 21:19|
Namatye eziseko zodonga lomzi ayevathiswe ngamatye onke anqabileyo. Elokuqala ilitye lesiseko yiyaspisi, elesibini yisafire, elesithathu yikalikedo, elesine yismarado,
-
20
|Apocalipsis 21:20|
elesihlanu yisardonisi, elesithandathu yisardiyo, elesixhenxe yikrizolite, elesibhozo yibherilo, elesithoba yitopazi, eleshumi yikrizoprazi, eleshumi elinalinye yihakinto, eleshumi elinambini yiametiste.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7