-
-
Xhosa
-
-
22
|Apocalipsis 3:22|
Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
-
1
|Apocalipsis 4:1|
Emva koko ndabona, nango umnyango uvulekile emazulwini; ilizwi lokuqala endalivayo lalinjengexilongo, lithetha nam, lisithi, Nyukela apha, ndokubonisa iinto ezimele ukubakho emva kwezi.
-
2
|Apocalipsis 4:2|
Ndithe kwaoko ke ndaba kuMoya; nanko kumi itrone emazulwini, phezu kwetrone kukho ohleliyo.
-
3
|Apocalipsis 4:3|
Waye lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi nelesardiyo; waye umnyama wenze isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado ukubonakala kwawo.
-
4
|Apocalipsis 4:4|
Kwaye kwenze isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anane; phezu kweetrone ezo ndabona amadoda amakhulu amashumi mabini anamane, ehleli, ethiwe wambu ngeengubo ezimhlophe, enezithsaba zegolide entloko.
-
5
|Apocalipsis 4:5|
Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi; kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo.
-
6
|Apocalipsis 4:6|
Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce. Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo ezine, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva.
-
7
|Apocalipsis 4:7|
Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesine into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela.
-
8
|Apocalipsis 4:8|
Zaye zone izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke, nangaphakathi zizele ngamehlo; zingaphumli imini nobusuku, zisithi: Ingcwele, ingcwele, ingcwele INkosi uThixo uSomandla, Leyo yayikho, ikhoyo, izayo.
-
9
|Apocalipsis 4:9|
Xa zithi izinto eziphilileyo zibe zimnika uzuko nembeko nombulelo lowo uhleli etroneni, lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7