- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Daniel 1:1|
									Ngomnyaka wesithathu wobukumkani bukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, kweza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eYerusalem, wayingqinga.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Daniel 1:2|
									INkosi yamnikela uYehoyakim ukumkani wakwaYuda esandleni sakhe, nenxalenye yeempahla zendlu kaThixo, awazithwalela ezweni laseShinare, endlwini yothixo wakhe; iimpahla ezo wazingenisa endlwini yobuncwane bothixo wakhe.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Daniel 1:3|
									Wathi ukumkani kuAshpenazi, umthetheli-mathenwa akhe,  makazise abakoonyana bakaSirayeli, nabembewu yakwakumkani,  nabakumawaba;									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Daniel 1:4|
									abantwana abangenasiphako, abanomkhitha, ababuqiqileyo ubulumko bonke, abanokwazi, abanokuyiqonda bayazi into,  abafanele ukuma ebhotweni lokumkani; abafundise incwadi nolwimi lwamaKaledi.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Daniel 1:5|
									Ukumkani wabamisela umamkeliso wemini ngangemini yawo,  ekudleni kokumkani nasewayinini ayiselayo, ukuze bondliwe iminyaka emithathu; bathi ekupheleni kwayo beme phambi kokumkani.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Daniel 1:6|
									Ke phakathi kwabo abo kwaye kukho abakoonyana bakaYuda,  inguDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Daniel 1:7|
									Umthetheli-mathenwa wabathiya amagama; uDaniyeli wamthiya elokuba nguBheletshatsare, uHananiya elokuba nguShadraki,  uMishayeli elokuba nguMeshaki, uAzariya elokuba nguAbhede-nego.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Daniel 1:8|
									Ke kaloku, uDaniyeli wayegqibe entliziyweni yakhe, ukuba angazingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo; wacela kumthetheli-mathenwa ukuba angazingcolisi.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Daniel 1:9|
									UThixo wenza uDaniyeli ukuba afumane inceba nemfesane phambi komthetheli-mathenwa.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Daniel 1:10|
									Umthetheli-mathenwa wathi kuDaniyeli, Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani, omise eniya kukudla neniya kukusela; yini na ukuba abubone ubuso benu buthe matshamatsha kunobabaya baziintanga zenu? Noyizekisa ityala intloko yam kukumkani.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15