-
-
Xhosa
-
-
20
|Daniel 2:20|
Wasusela uDaniyeli wathi, Malibongwe igama likaThixo, kususela kunaphakade kude kuse ephakadeni; ngokuba ubulumko nobugorha bona bobakhe.
-
21
|Daniel 2:21|
Yena uyawaguqula ke amaxesha neminyaka; uguzula ookumkani, amise ookumkani; unika ubulumko kwizilumko, unika ukwazi kwabakwaziyo ukuqonda.
-
22
|Daniel 2:22|
Yena utyhila izinto ezinzulu nezisitheleyo; uyakwazi okusebumnyameni, ukukhanya kuhleli kuye.
-
23
|Daniel 2:23|
Ndiya kubulela, Thixo woobawo, ndikuncoma, kuba undinike ubulumko nobugorha, wandazisa kalokunje oko sibe sikucela kuwe; ngokuba usazisile ngokunje le nto yokumkani.
-
24
|Daniel 2:24|
Ngenxa yoko uDaniyeli wangena waya kuAriyoki, lowo ubemiswe ngukumkani ukuba atshabalalise izilumko zaseBhabheli. Waya ke, wathi kuye, Musa ukuzitshabalalisa izilumko zaseBhabheli; ndise kukumkani; ndomxelela ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.
-
25
|Daniel 2:25|
Waza uAriyoki wamzisa uDaniyeli ngobungxamo kukumkani, wathi kuye, Ndifumene indoda koonyana baseluthinjweni lwakwaYuda, eya kumazisa ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.
-
26
|Daniel 2:26|
Waphendula ukumkani, wathi kuDaniyeli, ogama linguBheletshatsare, Unako na ukundazisa iphupha endilibonileyo, nokutyhilwa kwalo?
-
27
|Daniel 2:27|
Waphendula uDaniyeli phambi kokumkani, wathi, Imfihlakalo ayibuzayo ukumkani, azinako ukumxelela ukumkani izilumko, nabakhwitsi, nezazi, namatola.
-
28
|Daniel 2:28|
Kodwa ke kukho uThixo emazulwini, ozityhilayo iimfihlakalo, onokumazisa ukumkani uNebhukadenetsare okuya kubakho ekupheleni kwemihla. Iphupha lakho, nemibono yentloko yakho esililini sakho, nantsi:
-
29
|Daniel 2:29|
Wena kumkani, izicamango zakho zathi tyaba kuwe esililini sakho, zokuya kubakho emveni koku; lowo ke uzityhilayo iimfihlakalo uyakwazisa okuya kubakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19