-
-
Xhosa
-
-
42
|Daniel 11:42|
Uya kusolula isandla sakhe emazweni la, nelizwe laseYiputa aliyi kusinda.
-
43
|Daniel 11:43|
Woba ngumphathi wobutyebi begolide nobesilivere, nobezinto zonke ezinqwenelekayo zaseYiputa; omlandela amaLibhi namaKushi.
-
44
|Daniel 11:44|
Ziya kumkhwankqisa iindaba ezivela empumalanga nasentla, aphume enobushushu obukhulu, ukuze abatshabalalise, abasingele phantsi abaninzi.
-
45
|Daniel 11:45|
Wozitwabulula iintente zebhotwe lakhe phakathi kweelwandle, ngasentabeni engcwele eligugu, afike ke ekupheleni kwakhe, kungabikho umncedayo.
-
1
|Daniel 12:1|
Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini.
-
2
|Daniel 12:2|
Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade.
-
3
|Daniel 12:3|
Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.
-
4
|Daniel 12:4|
Wena ke, Daniyeli, wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela. Baninzi abaya kuyiphengulula, kwandiswe ukwazi.
-
5
|Daniel 12:5|
Mna, Daniyeli, ndabona: nabo abanye ababini bemi, omnye nganeno ngaseludinini lomlambo, omnye ngaphesheya ngaseludinini lomlambo.
-
6
|Daniel 12:6|
Wathi omnye kwindoda leyo yambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, Koda kube nini na, ukuphela kwezi zinto zibalulekileyo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19