- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									32
									 
									 
									|Daniel 11:32|
									Abaphatha umnqophiso ngokungendawo wobahlambela ngamazwi agudileyo, ke bona abantu abamaziyo uThixo wabo babambelele kuwo, bafeze.									
									    
								 
- 
									
									33
									 
									 
									|Daniel 11:33|
									Abanengqiqo ebantwini boluqondisa uninzi, ukanti baya kukhubeka, bawe likrele nalilangatye, kukuthinjwa nakukuphangwa, kube ziintsuku.									
									    
								 
- 
									
									34
									 
									 
									|Daniel 11:34|
									Ekukhubekeni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane,  bathelele kubo abaninzi, benyhwalaza.									
									    
								 
- 
									
									35
									 
									 
									|Daniel 11:35|
									Yokhubeka inxenye yabanengqiqo, ukuze bacikidwe phakathi kwabo, bahlanjululwe, kwenziwe mhlophe, kude kube lixesha lokuphela; kuba kusaya kuba ngokwexesha elimisiweyo.									
									    
								 
- 
									
									36
									 
									 
									|Daniel 11:36|
									Ukumkani uya kwenza ngokukholeka kuye, azinyuse,  azikhulise ngaphezu koothixo bonke, athethe amazwi abalulekileyo ngoThixo woothixo, abe nempumelelo, lude luphele ubhavumo; ngokuba kuyenzeka okumisiweyo, kwagqitywa.									
									    
								 
- 
									
									37
									 
									 
									|Daniel 11:37|
									Akayi kubaqonda oothixo booyise, nokunqwenelekayo kubafazi, nothixo onguwumbi angamqondi, kuba uya kuzikhulisa ngaphezu kwabo bonke.									
									    
								 
- 
									
									38
									 
									 
									|Daniel 11:38|
									Endaweni yabo wozukisa uthixo weenqaba, uthixo ababengamazi ooyise; amzukise ngegolide, nangesilivere,  nangamatye anqabileyo, nangezinto ezinqwenelekayo.									
									    
								 
- 
									
									39
									 
									 
									|Daniel 11:39|
									Wokwenzela oku iinqaba ezinqatyisiweyo ngothixo wolunye uhlanga; lo umbukayo, uya kumandisela uzuko, amphathise abaninzi, amabele umhlaba ngokumvuza.									
									    
								 
- 
									
									40
									 
									 
									|Daniel 11:40|
									Ngexesha lokuphela uya kuhlabana nokumkani wasezantsi;  ukumkani wasentla adlongozele aye kuye, eneenqwelo zokulwa,  nabamahashe, neenqanawa ezininzi; awangenele amazwe, akhukule,  adlule.									
									    
								 
- 
									
									41
									 
									 
									|Daniel 11:41|
									Wongena ezweni eliligugu, bakhubeke abaninzi; ke aba baya kusinda esandleni sakhe: ooEdom, noMowabhi, nentlahlela yoonyana baka-Amon.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18