- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									2
									 
									 
									|Daniel 11:2|
									Ngoku ke ndiya kukuxelela inyaniso. Yabona, kusaza kusuka kume ookumkani abathathu kumaPersi, nowesine uya kutyeba ngobutyebi obukhulu kunabo bonke; athi, xa omeleleyo ngobutyebi bakhe, abaxhokonxe bonke, baye kulwa nobukumkani bakwaYavan.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Daniel 11:3|
									Kosuka kume ukumkani oligorha alawule ngolawulo olukhulu,  enze ngokukholeka kuye.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Daniel 11:4|
									Buya kuthi, xa athe wesuka wema, buqhekezwe ubukumkani bakhe, bahlulelwe emimoyeni yomine yasezulwini, bungabi bobempunde yakhe, bungabi njengolawulo lwakhe abelawula ngalo;  kuba buya kunyothulwa ubukumkani bakhe, bube bobabambi, bungabi bobayo.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Daniel 11:5|
									Ke uya komelela ukumkani wasezantsi; omnye kubathetheli bakhe omelele ngaphezu kwakhe, alawule; lube lulawulo olukhulu ulawulo lwakhe.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Daniel 11:6|
									Bodibana ekupheleni kweminyaka; ithi intombi yokumkani wasezantsi ingene kukumkani wasentla, ukuba balungisane. Ke iya kuwa ingalo yayo; angemi yena, nengalo yakhe iwe; inikelwe yona, nababeyingenisile, nowayizalayo, nowayomelezayo ngaloo maxesha.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Daniel 11:7|
									Kophuma ke ehlumelweni leengcambu zayo omnye osendaweni yakhe; aye empini, aye ezinqabeni zokumkani wasentla, azenze ngendawo, eyise.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Daniel 11:8|
									Wothimba, azise eYiputa noothixo babo, kunye nemifanekiso yabo etyhidiweyo, kunye neempahla zabo ezinqwenelekayo,  isilivere negolide; amise yena iminyaka phambi kokumkani wasentla.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Daniel 11:9|
									Wongena ebukumkanini bokumkani wasezantsi, abuyele emhlabeni wakhe.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Daniel 11:10|
									Oonyana bakhe baya kuxhoba, bahlanganise imfidi yeempi ezininzi, ize nokuza, ikhukule, idlule, ibuye; balwe, bade base enqabeni yakhe.									
									    
								 
- 
									
									11
									 
									 
									|Daniel 11:11|
									Wocaphuka ukumkani wasezantsi, aphume alwe naye, nokumkani wasentla lowo; yena ke amise imfidi enkulu, ke imfidi leyo inikelwe esandleni sakhe.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18