-
-
Xhosa
-
-
13
|Daniel 10:13|
Ke umthetheli wobukumkani bamaPersi wamelana nam imihla engamashumi amabini anamnye; uyabona, uMikayeli, omnye wakubathetheli abaziintloko, weza kundinceda; mna ndamoyisa khona, kookumkani bamaPersi.
-
14
|Daniel 10:14|
Ndize kukuqondisa ke okuya kubahlela abantu bakowenu ekupheleni kwemihla; kuba umbono lo usengowemihla leyo.
-
15
|Daniel 10:15|
Ithe ekuthetheni kwayo nam ngokwala mazwi, ndabubhekisa ubuso bam emhlabeni, ndasisidenge.
-
16
|Daniel 10:16|
Nanko ofana noonyana babantu, echukumisa umlomo wam. Ndawuvula umlomo wam, ndathetha, ndathi kulo umi phambi kwam, Nkosi yam, ngenxa yembonakalo indifikele inimba yam, ndaphelelwa ngamandla.
-
17
|Daniel 10:17|
Angathini na ke ukuba nako umkhonzi wenkosi yam le, ukuthetha nenkosi yam le? Mna okwam andisenamandla, akusekho mphefumlo kum.
-
18
|Daniel 10:18|
Waphinda wandichukumisa onjengomntu, ukubonakala kwakhe, wandomeleza.
-
19
|Daniel 10:19|
Wathi, Musa ukoyika, ndoda inqwenelekayo, yiba noxolo; yomelela, yomelela. Uthe ekuthetheni kwakhe nam ndomelezeka, ndathi, Mayithethe inkosi yam, kuba undomelezile.
-
20
|Daniel 10:20|
Wathi, Uyazi na into endize ngayo kuwe? Ngoku ke ndiya kubuya ndiye kulwa nomthetheli wamaPersi; ndiphuma nje, nanko umthetheli wakwaYavan esiza.
-
21
|Daniel 10:21|
Noko ke ndiya kukuxelela okubhaliweyo esibhalweni senyaniso. Akukho namnye womelezana nam ngakwabo, ngaphandle kukaMikayeli, umthetheli wenu.
-
1
|Daniel 11:1|
Nam ke, ngomnyaka wokuqala kaDariyo umMedi, ndema ukuba ndimomeleze ndimhlanganisele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3