- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									12
									 
									 
									|Daniel 11:12|
									Yothi imfidi yakusuka iziphakamise, awise amawaka-waka angamashumi; ke angeyisi noko.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Daniel 11:13|
									Wobuya ukumkani wasentla, amise imfidi enkulu ngaphezu kweyokuqala, eze nokuza ekupheleni kwamaxesha eminyaka, enempi enkulu neempahla ezininzi.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Daniel 11:14|
									Ngaloo maxesha kuya kusukela phezulu abaninzi ngakukumkani wasezantsi; baziphakamise oonyana abangamanyangaza abantu bakowenu, ukuba bawumise umbono; bakhubeke.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Daniel 11:15|
									Wofika ukumkani wasentla, afumbe udonga lokungqinga,  ayithimbe imizi enqatyisiweyo; iingalo zasezantsi zingamisi,  nabantu bakhe abahleliweyo bangabi namandla okuma.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Daniel 11:16|
									Ofikayo khona uya kwenza ngokuthanda kwakhe, kungabikho umisayo phambi kwakhe, amise yena ezweni eliligugu,  atshabalalise ngesandla sakhe.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Daniel 11:17|
									Wobubhekisa ubuso bakhe ekuthini eze enokuqina kobukumkani bakhe bonke, ecinga ukulungisa; enze ke; amnike intombi yabafazi, ukuze ayonakalise. Ke ayiyi kuma, ayiyi kuba lutho kuye.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Daniel 11:18|
									Uya kujika, abhekise eziqithini, azithimbe ezininzi,  aphelise abaphathi, kuthi cwaka ukungcikiva kwabo kubo; ke ukungcikiva kwakhe baya kukubuyisela kuye.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Daniel 11:19|
									Wojika, abhekise ezinqabeni zelizwe lakhe, akhubeke, awe,  angafunyanwa.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Daniel 11:20|
									Endaweni yakhe kuya kusuka kume ocandisa abaqhubi babantu ebungangamsheni bobukumkani; ngeentsuku ezimbalwa aphulwe,  kungabi ngamisindo, kungabi ngamfazwe.									
									    
								 
- 
									
									21
									 
									 
									|Daniel 11:21|
									Endaweni yakhe kuya kusuka kume odelekileyo, ongayi kunikwa ndili yabukumkani; eze ngokwalama, abuhlasele ubukumkani ngokunyhwalaza.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15