-
-
Xhosa
-
-
11
|Daniel 1:11|
Wathi uDaniyeli kwinjoli, abethe umthetheli-mathenwa wayimisa phezu koDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya,
-
12
|Daniel 1:12|
Khawubalinge abakhonzi bakho iintsuku ezilishumi, sinikwe sidle imifuno, sisele namanzi;
-
13
|Daniel 1:13|
kukhangelwe phambi kwakho ukubonakala kwethu, nokubonakala kwabantwana abadla ukudla kokumkani; wenze ke kubakhonzi bakho njengoko ubone ngako.
-
14
|Daniel 1:14|
Yabaphulaphula ke kweli lizwi, yabalinga iintsuku ezilishumi.
-
15
|Daniel 1:15|
Ekupheleni kweentsuku ezilishumi, yabonakala imbonakalo yabo intle, betyebile, ngaphezu kwabantwana bonke abadla ukudla kokumkani.
-
16
|Daniel 1:16|
Yakususa ke injoli ukudla kwabo, newayini abange beyisela, yabanika imifuno.
-
17
|Daniel 1:17|
Abo bantwana bane uThixo wabanika ukwazi, nokuziqonda iincwadi zonke, nobulumko; uDaniyeli waba nokuyiqonda imibono yonke, namaphupha.
-
18
|Daniel 1:18|
Ekupheleni kweentsuku, abethe ukumkani maze baziswe ngazo, umthetheli-mathenwa wabangenisa ke phambi koNebhukadenetsare.
-
19
|Daniel 1:19|
Ukumkani wathetha nabo; kubo bonke bephela akufumanekanga banjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya. Bema ke bona phambi kokumkani.
-
20
|Daniel 1:20|
Ke kuzo zonke iindawo zobulumko bokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19