- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Daniel 1:11|
									Wathi uDaniyeli kwinjoli, abethe umthetheli-mathenwa wayimisa phezu koDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya,									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Daniel 1:12|
									Khawubalinge abakhonzi bakho iintsuku ezilishumi, sinikwe sidle imifuno, sisele namanzi;									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Daniel 1:13|
									kukhangelwe phambi kwakho ukubonakala kwethu, nokubonakala kwabantwana abadla ukudla kokumkani; wenze ke kubakhonzi bakho njengoko ubone ngako.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Daniel 1:14|
									Yabaphulaphula ke kweli lizwi, yabalinga iintsuku ezilishumi.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Daniel 1:15|
									Ekupheleni kweentsuku ezilishumi, yabonakala imbonakalo yabo intle, betyebile, ngaphezu kwabantwana bonke abadla ukudla kokumkani.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Daniel 1:16|
									Yakususa ke injoli ukudla kwabo, newayini abange beyisela,  yabanika imifuno.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Daniel 1:17|
									Abo bantwana bane uThixo wabanika ukwazi, nokuziqonda iincwadi zonke, nobulumko; uDaniyeli waba nokuyiqonda imibono yonke, namaphupha.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Daniel 1:18|
									Ekupheleni kweentsuku, abethe ukumkani maze baziswe ngazo,  umthetheli-mathenwa wabangenisa ke phambi koNebhukadenetsare.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Daniel 1:19|
									Ukumkani wathetha nabo; kubo bonke bephela akufumanekanga banjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya. Bema ke bona phambi kokumkani.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Daniel 1:20|
									Ke kuzo zonke iindawo zobulumko bokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15