-
-
Xhosa
-
-
3
|Daniel 10:3|
Andidlanga sonka sinencasa, akungenanga nyama nawayini emlonyeni wam, andizithambisanga, zada zazaliseka iintsuku zonke zeeveki ezintathu.
-
4
|Daniel 10:4|
Ngomhla wamashumi amabini anane wenyanga yokuqala, mna ndaba secaleni lomlambo omkhulu oyiHidekele.
-
5
|Daniel 10:5|
Ndawaphakamisa amehlo am, ndabona: nantso indoda yambethe ilinen emhlophe, ibhinqe esinqeni sayo igolide ecikizekileyo yaseUfazi.
-
6
|Daniel 10:6|
Umzimba wayo wawunjengekrizolite, ubuso bayo ngathi ngumbane, ukubonakala kwabo; amehlo ayo enjengezikhuni ezitshangatshangiswayo; iingalo zayo neenyawo zayo zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo; nesandi samazwi ayo ngathi sisandi sengxokolo yabantu.
-
7
|Daniel 10:7|
Mna, Daniyeli, ndawubona ndedwa umbono lowo; amadoda abenam akawubonanga umbono; kodwa awelwa kukugubha okukhulu, abaleka azimela.
-
8
|Daniel 10:8|
Mna ndasala ndedwa, ndayibona le mbonakalo inkulu, ndaphelelwa ngamandla, nebala lobuso bam lasuka lajika, lonakala kum, ndaphelelwa ngamandla.
-
9
|Daniel 10:9|
Ndasiva isandi samazwi ayo; ndakusiva ke isandi samazwi ayo, ndawa mna, ndawa isiduli ngobuso, ubuso bam bubheke emhlabeni.
-
10
|Daniel 10:10|
Ndeva naso isandla sindichukumisa, sandimisa ngamadolo am nangeentende zezandla zam ezihexayo.
-
11
|Daniel 10:11|
Yathi kum, Daniyeli, ndoda inqwenelekayo, waqonde amazwi endiwathetha kuwe, ume endaweni yokuma kwakho; kuba ndithunyiwe ngokunje kuwe. Ithe yakulithetha kum elo lizwi, ndesuka ndema ndithuthumela.
-
12
|Daniel 10:12|
Yathi kum, Musa ukoyika, Daniyeli, kubakususela kumhla wokuqala, owayinikelayo intliziyo yakho ekuqondeni nasekuzithobeni phambi koThixo wakho, aviwa amazwi akho, mna ke ndize ngenxa yamazwi akho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7