- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									10
									 
									 
									|Daniel 9:10|
									Asiliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wethu, ukuba sihambe ngemiyalelo yakhe, abeyibeke phambi kwethu ngabakhonzi bakhe, abaprofeti.									
									    
								 
- 
									
									11
									 
									 
									|Daniel 9:11|
									Onke amaSirayeli awugqithile umyalelo wakho; atyekile ukuba angaliphulaphuli izwi lakho. Siphalazekile ke phezu kwethu isiqalekiso nesifungo, esibhaliweyo emyalelweni kaMoses umkhonzi kaThixo; kuba sonile kuye.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Daniel 9:12|
									Wawamisa ke amazwi akhe, abewathethile ngathi, nangabagwebi bethu ababesigweba, ngokusizisela ububi obukhulu,  obungenziwanga phantsi kwezulu lonke, njengoko benziweyo kwiYerusalem.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Daniel 9:13|
									Njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, bonke ububi busizele. Ke asimbongozanga uYehova uThixo wethu, ukuba sibuye ebugwenxeni bethu, sibe ngabanokuqiqa ngenyaniso yakho.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Daniel 9:14|
									Wabuphaphela ke uYehova ububi, wasizisela bona; kuba uYehova uThixo wethu elungisa ekwenzeni kwakhe konke akwenzayo;  ke asiliphulaphulanga ilizwi lakhe.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Daniel 9:15|
									Kaloku ke, Nkosi Thixo wethu, owabakhuphayo abantu bakho ezweni laseYiputa ngesandla esithe nkqi, wazenzela igama,  njengoko kunjalo namhla, sonile, senze okungendawo.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Daniel 9:16|
									Nkosi, ngokwemisebenzi yakho yonke yobulungisa, mawukhe ubuye umsindo wakho, nobushushu bakho, kumzi wakho iYerusalem,  kwintaba yakho engcwele: kuba, ngezono zethu nangobugwenxa boobawo, iYerusalem nabantu bakho basisingcikivo kuba bonke abasijikelezileyo.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Daniel 9:17|
									Kaloku ke, Thixo wethu, kuphulaphule ukuthandaza komkhonzi wakho, nokutarhuzisa kwakhe, ubukhanyise ubuso bakho phezu kwengcwele yakho elinxuwa, ngenxa yeNkosi.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Daniel 9:18|
									Thoba indlebe yakho, uve. Vula amehlo akho, ubone ukuphanza kwethu, nomzi lowo ubizwa ngegama lakho. Ngokuba akungangenxa yemisebenzi yethu yobulungisa esiwisa ukutarhuzisa kwethu phambi kwakho; kungenxa yeemfesane zakho ezininzi.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Daniel 9:19|
									Nkosi, yiva; Nkosi, xolela; Nkosi, baza iindlebe, wenze.  Ngenxa yakho, Thixo wam, musa ukulibala; kuba umzi wakho nabantu bakho babizwa ngegama lakho.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15