- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									17
									 
									 
									|Daniel 8:17|
									Weza kweli cala ndimi kulo. Akuza ndoyika, ndawa ngobuso;  wathi kum, Qonda, nyana womntu; ngokuba umbono lo usingise kwixesha lokuphela.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Daniel 8:18|
									Ke kaloku, ekuthetheni kwakhe nam, ndawa isiduli ngobuso emhlabeni; wandichukumisa, wandimisa endaweni yokuma kwam.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Daniel 8:19|
									Wathi, Yabona, ndiya kwazisa okuya kubakho ekupheleni kobhavumo; ngokuba umbono uya kwixesha elimisiweyo lokuphela.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Daniel 8:20|
									Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini, ngokumkani bamaMedi nabamaPersi;									
									    
								 
- 
									
									21
									 
									 
									|Daniel 8:21|
									nenkunzi yebhokhwe exhonti ngukumkani wakwaYavan; uphondo olukhulu oluphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala.									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Daniel 8:22|
									Ukwaphuka oku, kume zibe ne esikhundleni salo, kukuthi,  kuya kusuka kume izikumkani ezine eluhlangeni, kungabi ngamandla alo ke.									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|Daniel 8:23|
									Ekupheleni kobukumkani babo, bakubonÂ’ ukuba bazalisile abakreqi, kuya kusuka kume ukumkani, obuso bungwanyalala,  obaziyo ubuqhetseba;									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Daniel 8:24|
									omelele amandla akhe, kodwa kungabi ngamandla akhe; ke uya konakalisa ngokubalulekileyo, abe nempumelelo, afeze,  abatshabalalise abomeleleyo nabantu babangcwele.									
									    
								 
- 
									
									25
									 
									 
									|Daniel 8:25|
									Ngenxa yobuqhokolo bakhe, yoba nempumelelo inkohliso ngesandla sakhe, azenze mkhulu entliziyweni yakhe,  abatshabalalise abaninzi ngokwalama, asukele phezulu kumthetheli wabathetheli, aphulwe, ke kungabi ngasandla.									
									    
								 
- 
									
									26
									 
									 
									|Daniel 8:26|
									Umbono wokuhlwa kusisa okhankanyiweyo uyinyaniso. Wena ke,  uze uwuvalele umbono; ngokuba uyakwimihla emininzi.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15