-
-
Xhosa
-
-
25
|Daniel 7:25|
athethe amazwi okuchasana nOsenyangweni, abonakalise abangcwele bOsenyangweni, acamange ngokuwenza wambi amathuba nomthetho, banikelwe esandleni sakhe ixesha namaxesha nesiqingatha sexesha.
-
26
|Daniel 7:26|
Ke abagwebi baya kuhlala phantsi, balisuse igunya lakhe, ukuze litshabalale lidake, kude kuse ekupheleni.
-
27
|Daniel 7:27|
Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni; ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, namagunya onke aya kumbusa, amve.
-
28
|Daniel 7:28|
Yaza kuphela apha le nto. Mna Daniyeli, izicamango zam zandikhwankqisa kakhulu, Ibala lobuso bam laguquka ndayigcina le nto entliziyweni yam.
-
1
|Daniel 8:1|
Ngomnyaka wesithathu wokulawula kukaBheleshatsare ukumkani, kwabonakala kum, mna Daniyeli, umbono emva kwalowa wabonakalayo kum matanci.
-
2
|Daniel 8:2|
Ndabona embonweni, kwathi, ekuboneni kwam, ndaba ndiseShushan komkhulu, esezweni lakwaElam; ndabona embonweni, ndangasemlanjeni oyiUlayi.
-
3
|Daniel 8:3|
Ndaphakamisa amehlo am, ndabona, nanko kumi phambi komlambo inkunzi yegusha, ineempondo ezimbini. Ezi mpondo zombini zinde, olunye ke lulude kunolunye; olu lude lwavela mva.
-
4
|Daniel 8:4|
Ndayibona inkunzi yegusha ihlaba, ibhekisa entshonalanga, nasentla, nasezantsi; zonke izinto eziphilileyo azaba nakuma phambi kwayo, akwabakho unokuhlangula esandleni sayo. Yenza ngokukholekileyo kuyo, yakhula.
-
5
|Daniel 8:5|
Mna ke ndisaqonda, nanko kuvela inkunzi yebhokhwe entshonalanga, ihamba phezu kwehlabathi lonke, ingafiki phantsi; inkunzi ke yebhokhwe ibinophondo olubonakalayo phakathi kwamehlo ayo.
-
6
|Daniel 8:6|
Yaya yafika enkunzini yegusha, umnini-mpondo-mbini, endiyibone imi phambi komlambo, yagidimela kuyo ke ngobushushu bamandla ayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7