- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									15
									 
									 
									|Daniel 7:15|
									Umoya wam, mna Daniyeli, wazibhijabhija phakathi komzimba,  nemibono yentloko yam yandikhwankqisa.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Daniel 7:16|
									Ndasondela komnye wababemi khona, ukuba ndicele kuye inyaniso ngezo zinto zonke; wathetha kum, ukuze andazise ukutyhilwa kwezinto.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Daniel 7:17|
									La marhamncwa makhulu kakhulu mane ngookumkani abane, abaya kusuka beme ehlabathini.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Daniel 7:18|
									Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni,  babume ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Daniel 7:19|
									Ndaza ndanga ndingayazi inyaniso ngeli rhamncwa lesine,  elingafaniyo namanye onke, elincamisileyo ngokoyikeka,  elimazinyo asisinyithi, elimathupha alubhedu, eladla, lacola,  layinyathela ngeenyawo into eseleyo;									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Daniel 7:20|
									nangeempondo ezilishumi ezibe zisentlokweni yalo,  nangolunye olwavelayo, ezawa phambi kwalo ezintathu; olo phondo lube lunamehlo, nomlomo obe uthetha izinto ezinkulu kakhulu;  ukubonakala kwalo bekukukhulu ngaphezu kwamadlelane alo.									
									    
								 
- 
									
									21
									 
									 
									|Daniel 7:21|
									Ndabona ukulwa kolu phondo nabangcwele, lwabeyisa;									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Daniel 7:22|
									wada weza uNyangelemihla, wabagwebela abangcwele bOsenyangweni, lafika ixesha lokuba abangcwele babume ubukumkani.									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|Daniel 7:23|
									Watsho ukuthi, Irhamncwa lesine ke: kuya kubakho ubukumkani besine ehlabathini, obungafaniyo bona nezikumkani zonke,  bulidle ihlabathi lonke, bulinyathele, bulicole.									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Daniel 7:24|
									Iimpondo ezilishumi ke: kuya kusuka kume kobo bukumkani ookumkani abalishumi, kusuke omnye emva kwabo; lowo akayi kufana nabaphambili; uya kuthoba ookumkani abathathu,									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18