- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									23
									 
									 
									|Daniel 6:23|
									Waza ukumkani wavuya kunene, wathi uDaniyeli makanyuswe emhadini. Wenyuswa ke uDaniyeli. Akwafumaneka nasinye isenzakalo kuye; ngokuba ebekholwe kuThixo wakhe.									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Daniel 6:24|
									Ukumkani wayalela, aziswa loo madoda ebemncethezile uDaniyeli, bawajulela emhadini weengonyama, wona nabantwana bawo, nabafazi bawo; zaza, bengekafiki nokufika emzantsini womhadi, iingonyama zabagonyamela, zawacola onke amathambo abo.									
									    
								 
- 
									
									25
									 
									 
									|Daniel 6:25|
									Waza uDariyo ukumkani wabhalela kuzo zonke iintlanga,  nezizwe, neelwimi, ebezihleli ehlabathini lonke, wathi: Uxolo lwenu malube lukhulu!									
									    
								 
- 
									
									26
									 
									 
									|Daniel 6:26|
									Ndiwisa umthetho wokuba bathi, ezindaweni zonke zegunya lobukumkani bam, badidizele bothuke abantu phambi koThixo kaDaniyeli. Ngokuba unguThixo ophilileyo, emi ngonaphakade;  ubukumkani bakhe abonakaliswa, negunya lakhe liya kuda liye ekupheleni;									
									    
								 
- 
									
									27
									 
									 
									|Daniel 6:27|
									esindisa, ehlangula, esenza imiqondiso nezimanga emazulwini nasehlabathini; ngokuba emsindisile uDaniyeli emandleni eengonyama.									
									    
								 
- 
									
									28
									 
									 
									|Daniel 6:28|
									Lo Daniyeli waba nempumelelo ebukumkanini bukaDariyo,  nasebukumkanini bukaKoreshi umPersi.									
									    
								 
- 
									
									1
									 
									 
									|Daniel 7:1|
									Ngomnyaka wokuqala kaBheleshatsare ukumkani waseBhabheli,  uDaniyeli wabona iphupha nemibono yentloko yakhe esililini sakhe. Waza walibhala iphupha, waxela isimbuku sezo zinto.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Daniel 7:2|
									Wasusela uDaniyeli wathi, Ndabona embonweni wam ebusuku,  nantso imimoya yomine yasezulwini, ityhobozela kulwandle olukhulu.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Daniel 7:3|
									Kwenyuka elwandle amarhamncwa amakhulu kakhulu, engafani elinye nelinye.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Daniel 7:4|
									Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi;  ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni,  lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18