-
-
Xhosa
-
-
24
|Daniel 5:24|
Waza wathuma, kwavela kuye oko kuphela kwesandla, lo mbhalo ke wawubhaliwe.
-
25
|Daniel 5:25|
Nangu ke loo mbhalo wawubhaliwe: mene, mene, tekele, ufarsin.
-
26
|Daniel 5:26|
Nanku ukutyhilwa kwale nto: elokuba mene lithi, UThixo ububalile ubukumkani bakho, wabuphelisa.
-
27
|Daniel 5:27|
Elokuba tekele lithi, Wena ulinganisiwe esikalini, wafunyanwa ulula.
-
28
|Daniel 5:28|
Elokuba peres lithi, Buyahlulwa ubukumkani bakho, bunikwe amaMedi namaPersi.
-
29
|Daniel 5:29|
Waza uBheleshatsare wayalela, bamnxiba uDaniyeli iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe; bamemeza ngaye ngelithi, uya kuba ngowabathathu onegunya ebukumkanini.
-
30
|Daniel 5:30|
Kwangobo busuku wabulawa uBheleshatsare ukumkani wamaKaledi.
-
31
|Daniel 5:31|
UDariyo, umMedi, wabuthabatha ubukumkani, eminyaka ikumashumi omathandathu anamibini ezelwe.
-
1
|Daniel 6:1|
Kwakholeka kuDariyo ukumisa phezu kobukumkani iirhuluneli ezilikhulu elinamashumi amabini, ukuze zibe sebukumkanini bonke.
-
2
|Daniel 6:2|
Wamisa phezu kwazo ezo abongameli babathathu, omnye kubo inguDaniyeli, ukuze iirhuluneli zinike ingxelo kubo, aze ukumkani angabi nankxwaleko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7