- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									13
									 
									 
									|Daniel 6:13|
									Aza aphendula athi phambi kokumkani, UDaniyeli,  ongowakoonyana abathinjiweyo bakwaYuda, akakhathali nguwe,  kumkani, nasesi salelo usibhalileyo; ke uthandaza umthandazo wakhe kathathu ngemini.									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Daniel 6:14|
									Waza ukumkani, akuweva loo mazwi, weva kakubi kakhulu ngayo loo nto. Wamnyamekela uDaniyeli ukuba amsindise, wazama ukuba amhlangule, lada latshona ilanga.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Daniel 6:15|
									Aza la madoda eza edlongozela kukumkani, athi kukumkani,  Yazi, kumkani, ukuba amaMedi namaPersi anomthetho wokuba singabi nakuguqulwa sonke isalelo nommiselo, abewumisile ukumkani.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Daniel 6:16|
									Watsho ke ukumkani; bamzisa uDaniyeli, bamjulela emhadini weengonyama. Waphendula ukumkani wathi kuDaniyeli, Wanga uThixo wakho, ombusa ngamaxesha onke, angakusindisa.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Daniel 6:17|
									Kwaziswa ilitye, labekwa phezu komlomo womhadi; ukumkani walitywina ngomsesane wakhe wokutywina, nangomsesane wokutywina wezikhulu zakhe, ukuze kungaguqulwa nto mayela noDaniyeli.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Daniel 6:18|
									Waza ukumkani waya ebhotweni lakhe, wabugqiba ubusuku ezila ukudla; akwaziswa zintombi zingqungqayo phambi kwakhe,  waphelelwa bubuthongo.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Daniel 6:19|
									Waza ukumkani wavuka ngesifingo kwakusasa, waya emhadini weengonyama ngobungxamo.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Daniel 6:20|
									Akusondela emhadini, wadanduluka kuDaniyeli ngezwi elibuhlungu. Wasusela ukumkani, wathi kuDaniyeli, Daniyeli,  mkhonzi woThixo ophilileyo, uThixo wakho, obuhlala umbusa, ube nako na ukukusindisa ezingonyameni?									
									    
								 
- 
									
									21
									 
									 
									|Daniel 6:21|
									Waza uDaniyeli wathi kukumkani, Kumkani, phila ngonaphakade!									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Daniel 6:22|
									UThixo wam uthume isithunywa sakhe, sayivingca imilomo yeengonyama, ukuba zingandenzakalisi, ngenxa enokuba phambi kwakhe kufumaneke ukuba ndimsulwa; naphambi kwakho, kumkani,  andonanga.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18