-
-
Xhosa
-
-
4
|Daniel 5:4|
Basela iwayini, babancoma oothixo begolide, nabesilivere, nabobhedu, nabesinyithi, nabemithi, nabamatye.
-
5
|Daniel 5:5|
Kwaoko kwavela iminwe yesandla somntu, yabhala malunga nesiphatho sesibane, efutheni lodonga lwebhotwe lobukumkani; ukumkani wakubona ukuphela kwesandla esibhalayo.
-
6
|Daniel 5:6|
Laza laguquka ibala lobuso bokumkani, zamngqungisa izicamango zakhe, amalungu esinqe sakhe acombuluka, namadolo akhe abethabethana.
-
7
|Daniel 5:7|
Ukumkani wadanduluka ngamandla, ukuba baziswe abakhwitsi, namaKaledi, namatola. Waphendula ukumkani, wathi kwizilumko zaseBhabheli, Othe wawulesa lo mbhalo, wakuxela kum ukutyhilwa kwawo, uya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe, abe ngowabathathu abanegunya ebukumkanini obu.
-
8
|Daniel 5:8|
Zaza zafika zonke izilumko zokumkani; ke azaba nako ukuwulesa umbhalo, nokumazisa ukumkani ukutyhilwa kwawo.
-
9
|Daniel 5:9|
Waza uBheleshatsare ukumkani wakhathazeka kakhulu, laguquka ibala lobuso bakhe, nezikhulu zakhe zadubadubeka.
-
10
|Daniel 5:10|
Ukumkanikazi, unina, ngenxa yamazwi okumkani nezikhulu zakhe, wangena endlwini yomgidi. Ukumkanikazi unina waphendula wathi, Kumkani, phila ngonaphakade! Izicamango zakho mazingakukhathazi, lingaguquki ibala lobuso bakho.
-
11
|Daniel 5:11|
Kukho indoda ebukumkanini bakho, enomoya woothixo abangcwele; ekwathi ngemihla yoyihlo kwafunyanwa kuyo ukukhanya nokuqiqa nobulumko, njengobulumko bothixo; awathi ukumkani uNebhukadenetsare uyihlo wayimisa yangumongameli wezazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatola—uyihlo, kumkani;
-
12
|Daniel 5:12|
ngenxa enokuba kwafunyanwa kuye umoya ogqithisileyo ngobuhle, nokwazi, nokuqiqa, etyhila amaphupha, exela iintsonkotha, ecombulula amaqhina; kuDaniyeli, owathiywa ngukumkani igama elinguBheletshatsare. UDaniyeli makabizwe kaloku; wokuxela ukutyhilwa kwawo.
-
13
|Daniel 5:13|
Waza uDaniyeli wasiwa phambi kokumkani. Ukumkani wathetha kuDaniyeli, wathi, Ungulaa Daniyeli na ungowakoonyana bakaYuda, abathinjwayo, abaziswayo ngukumkani ubawo, bephuma kwaYuda?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7