-
-
Xhosa
-
-
11
|Daniel 4:11|
Wakhula umthi, womelela; ukuphakama kwawo kwafikelela ezulwini, nokubonakala kwawo ekupheleni kwehlabathi lonke.
-
12
|Daniel 4:12|
Amagqabi awo abemahle, neziqhamo zawo bezizininzi; ubunokudla okwanele iinto zonke. Amarhamncwa asendle abenomthunzi phantsi kwawo, iintaka zezulu zahlala emasebeni awo, yadla kuwo yonke inyama.
-
13
|Daniel 4:13|
Ndabona emibonweni yentloko yam, ndisesililini sam, nanko kusihla umlindi engongcwele emazulwini.
-
14
|Daniel 4:14|
Wadanduluka ngamandla, watsho ukuthi, Wugawuleni lo mthi, niwanqumle amasebe awo, niwaqhawule amagqabi awo, nizichithachithe iziqhamo zawo. Makabaleke emke phantsi kwawo amarhamncwa, neentaka emasebeni awo.
-
15
|Daniel 4:15|
Kodwa ke isiphunzi esineengcambu zawo sishiyeni emhlabeni, siphanjiwe ngesinyithi nobhedu eluhlazeni lwasendle. Masinyakamiswe ngumbethe wezulu; makahlulelane neenkomo ngotyani bomhlaba.
-
16
|Daniel 4:16|
Intliziyo yakhe mayisuke ingabi yeyomntu, anikwe intliziyo yenkomo; kudlule amaxesha amisiweyo abe sixhenxe phezu kwakhe.
-
17
|Daniel 4:17|
Umyalezo lo ukho ngengqibo yabalindi, umcimbi lo lilizwi labayingcwele; ngokokuze bazi abahleliyo, ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, abunike lowo athanda ukumnika, amise ophantsi ebantwini phezu kwabo.
-
18
|Daniel 4:18|
Elo phupha ndilibonile, mna kumkani Nebhukadenetsare. Wena ke, Bheletshatsare, lityhile ke, ngenxa enokuba zonke izilumko zobukumkani bam zingenako ukundazisa ukutyhilwa kwalo ube ke wena unako, ngokuba unomoya woothixo abangcwele.
-
19
|Daniel 4:19|
Waza uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare, wamangaliswa umzuzwana, nezicamango zakhe zamkhwankqisa. Waphendula ukumkani wathi, Bheletshatsare, iphupha nokutyhilwa kwalo malingakukhathazi. UBheletshatsare waphendula wathi, Nkosi yam, iphupha malisingisele kwabakuthiyileyo, nokutyhilwa kwalo kwabakuzondayo.
-
20
|Daniel 4:20|
Umthi owubonileyo, owakhulayo womelela, okuphakama kwawo kwafikelelayo ezulwini, wabonwa ehlabathini lonke;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7