-
-
Xhosa
-
-
11
|Daniel 3:11|
Ongathanga awe phantsi, aqubude, makajulelwe ezikweni elivutha umlilo.
-
12
|Daniel 3:12|
Kukho amadoda angamaYuda, owamise enkonzweni yokuphatha ilizwe laseBhabheli, uShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; la madoda akakhathali nguwe, kumkani; akababusi oothixo bakho, akaqubudi kumfanekiso wegolide owumisileyo.
-
13
|Daniel 3:13|
Waza wathi uNebhukadenetsare, equmbile, eshushu, mabaziswe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. Aziswa ke la madoda phambi kokumkani.
-
14
|Daniel 3:14|
Waphendula uNebhukadenetsare, wathi kubo, Nenza ngabomi na, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, ukuthi ningambusi uthixo wam, ningaqubudi kumfanekiso wegolide endiwumisileyo?
-
15
|Daniel 3:15|
Ke ukuba nithe ngoku nalungela ukuthi, ngexesha lokuva kwenu izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, niwe phantsi, niqubude kumfanekiso endiwenzileyo, kolunga; kodwa ukuba anithanga niqubude, nojulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo. Ngubani na ke uthixo oya kunisindisa esandleni sam?
-
16
|Daniel 3:16|
Baphendula ooShadraki, noMeshaki noAbhede-nego, bathi kukumkani, Nebhukadenetsare, akufuneki kuthi ukuba sikuphendule ngale ndawo.
-
17
|Daniel 3:17|
Ukuba uThixo wethu esimbusayo unako, wosisindisa ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho, kumkani.
-
18
|Daniel 3:18|
Ke, ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubabusa othixo bakho, asiyi kuqubuda kumfanekiso wegolide owumisileyo.
-
19
|Daniel 3:19|
Wesuka uNebhukadenetsare wazala bubushushu, nokumila kobuso bakhe baba bubi kuShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; waphendula wathi, iziko malenziwe libe shushu ngokuphindwe kasixhenxe, kunoko fudula lisenziwa shushu ngako.
-
20
|Daniel 3:20|
Wathi kumadoda, kumadoda anobukroti empini yakhe, makababophe ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, abajulele ezikweni elivutha umlilo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7