-
-
Xhosa
-
-
1
|Daniel 4:1|
UNebhukadenetsare ukumkani uthi kuzo zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi ezimiyo ehlabathini lonke: Malube lukhulu uxolo lwenu.
-
2
|Daniel 4:2|
Imiqondiso nezimanga, azenzileyo kum uThixo Osenyangweni, kukholekile kum ukuba ndizixele.
-
3
|Daniel 4:3|
Imiqondiso yakhe, hayi ukuba mikhulu kwayo! Izimanga zakhe, hayi ukuba namandla kwazo! Ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, igunya lakhe likwizizukulwana ngezizukulwana.
-
4
|Daniel 4:4|
Mna Nebhukadenetsare, bendichulumachile endlwini yam, ndenile ebhotweni lam.
-
5
|Daniel 4:5|
Ndabona iphupha, landothusa; ndaneengcinga esililini sam, nemibono yentloko yam, eyandikhwankqisayo.
-
6
|Daniel 4:6|
Ndawisa umthetho wokuthi, zonke izilumko zaseBhabheli maziziswe phambi kwam, ukuba zindazise ukutyhilwa kwephupha elo.
-
7
|Daniel 4:7|
Zaza zeza izazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatola; ndabalawulela iphupha; ke abandazisanga ukutyhilwa kwalo.
-
8
|Daniel 4:8|
Kwada ekupheleni kweza kum uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare ngokwegama lothixo wam, onomoya woothixo abangcwele. Ndamlawulela iphupha, ndathi,
-
9
|Daniel 4:9|
Bheletshatsare, mongameli wezazi, wena ndikwaziyo ukuba unomoya woothixo abangcwele, akukho mfihlakalo ikukhohlayo; ndityele imibono yephupha lam endilibonileyo, nokutyhilwa kwalo.
-
10
|Daniel 4:10|
Imibono ke yentloko yam esililini sam nantsi: Ndabona, nango umthi usesazulwini sehlabathi; ukuphakama kwawo bekukukhulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7