- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									27
									 
									 
									|Daniel 8:27|
									Mna Daniyeli ndaphela, ndaneentsuku ndisifa; ndavuka,  ndayenza imicimbi yokumkani. Ndamangaliswa yimbonakalo leyo;  kwakungekho uyiqondayo.									
									    
								 
- 
									
									1
									 
									 
									|Daniel 9:1|
									Ngomnyaka wokuqala kaDariyo unyana ka-Ahaswerosi,  wasembewini yamaMedi, owaba ngukumkani phezu kobukumkani bamaKaledi,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Daniel 9:2|
									ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, mna, Daniyeli,  ndaqonda ngazo iincwadi inani leminyaka, elafikayo ngayo ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, ukuba kuzaliswe iminyaka emashumi asixhenxe ngokusingisele kumanxuwa eYerusalem.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Daniel 9:3|
									Ndabubhekisa ubuso bam kwiNkosi yam uThixo, ukuba ndifune imithandazo nezitarhuziso, ndizila ukudla, ndinezirhwexayo nothuthu.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Daniel 9:4|
									Ndathandaza ke kuYehova uThixo wam, ndavuma ndathi, Awu!  Nkosi, Thixo omkhulu owoyikekayo, obagcinela umnqophiso nenceba abo bamthandayo, bayigcinayo imithetho yakhe,									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Daniel 9:5|
									sonile, senze ngobugwenxa, senze okungendawo; sigwilikile,  siphambukile emithethweni yakho, nasemasikweni akho.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Daniel 9:6|
									Asibaphulaphulanga abakhonzi bakho, abaprofeti ababethetha egameni lakho kookumkani bethu, nakubathetheli bethu,  nakoobawo, nakubo bonke abantu belizwe.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Daniel 9:7|
									Nkosi, bukuwe ubulungisa; kuthi kukudana kobuso, njengoko kunjalo namhla, kumadoda akwaYuda, kubemi baseYerusalem,  kumaSirayeli onke, akufuphi nakude, emazweni onke, apho wawagxothela khona ngenxa yobumenemene bawo, awamenezayo ngabo kuwe.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Daniel 9:8|
									Nkosi, kuthi kukudana kobuso, kookumkani bethu,  nakubathetheli bethu, nakoobawo; ngokuba sonile kuwe.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Daniel 9:9|
									ENkosini uThixo wethu yimfesane, noxolelo, kuba sigwilikile kuye.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15