-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Éxodo 23:1|
Uze ungathuthi ludaba lukhohlakeleyo: uze ungancedisani nongendawo, ukuba ube lingqina logonyamelo.
-
2
|Éxodo 23:2|
Uze ungalandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi; ungathi ukungqina kwimbambano ekhoyo, ujike ulandele isininzi, uyijike inyaniso.
-
3
|Éxodo 23:3|
Uze ungasicengi isisweli ekubambaneni kwaso nomnye.
-
4
|Éxodo 23:4|
Xa uthe waqubisana nenkomo yotshaba lwakho, nokuba liesile lalo, lilahleka: wolibuyisela kulo.
-
5
|Éxodo 23:5|
Xa uthe walibona iesile lokuthiyileyo lisadalele phantsi komthwalo walo, musa ukumyekela; likhulule umkhululise.
-
6
|Éxodo 23:6|
Uze ungasijiki isigwebo sehlwempu lakho ekubambaneni kwalo nomnye.
-
7
|Éxodo 23:7|
Zikhwelelise kude entweni ebubuxoki; musa ukumbulala omsulwa nolilungisa: kuba andiyi kumgwebela ongendawo.
-
8
|Éxodo 23:8|
Uze ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi siyabamfamekisa ababonayo, siphenula imicimbi yamalungisa.
-
9
|Éxodo 23:9|
Uze ungamxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
-
10
|Éxodo 23:10|
Wowuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40