-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Éxodo 23:21|
Silumkele, uliphulaphule izwi laso. Musa ukusiphikisa; kuba asiyi kuluxolela ukreqo lwenu; kuba igama lam likuso.
-
22
|Éxodo 23:22|
Ke ukuba uthe waliva ilizwi laso, wenza konke endikuthethayo, ndoba lutshaba kwiintshaba zakho, ndibabandezele ababandezeli bakho.
-
23
|Éxodo 23:23|
Kuba isithunywa sam sohamba phambi kwakho, sikufikise kuma-Amori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebhusi; ndiwabethe athi shwaka.
-
24
|Éxodo 23:24|
Uze ungabanquli oothixo babo, ungabakhonzi, ungenzi ngokwemisebenzi yabo; uze uzigungxule, uziqhekeze nokuziqhekeza izimiso zabo zamatye.
-
25
|Éxodo 23:25|
Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho, namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.
-
26
|Éxodo 23:26|
Akuyi kubakho kuphunza nakudlola ezweni lakho; inani lemihla yakho ndolizalisa.
-
27
|Éxodo 23:27|
Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibadubadube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;
-
28
|Éxodo 23:28|
ndithume oonomeva phambi kwakho, bawagxothe amaHivi, namaKanan, namaHiti, asuke phambi kwakho.
-
29
|Éxodo 23:29|
Andiyi kuwagxotha phambi kwakho ngamnyaka mnye, hleze ilizwe kube senkangala kulo, ande amarhamncwa asendle phezu kwakho.
-
30
|Éxodo 23:30|
Ndiya kumana ukuwagxotha kancinane phambi kwakho, ude wande, ulidle ilifa ilizwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40