-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Éxodo 39:1|
Ngemisonto emsi nemfusa nebomvu benza izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni; benza nezambatho ezingcwele zika-Aron, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
2
|Éxodo 39:2|
Iefodi wayenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
-
3
|Éxodo 39:3|
Bayikhanda igolide yaba zizixwexwe ezicekethekileyo, bancwela imityana, ukuze bayixube emisontweni emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo.
-
4
|Éxodo 39:4|
Iefodi bayenzela iziziba zamagxa zokuyixakatha, yaxakathwa emiphethweni yomibini;
-
5
|Éxodo 39:5|
nombhinqo ophezu kwayo wokuyinxiba iefodi, ophuma kuyo, wawunjengokusetyenzwa kwayo; bawenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
6
|Éxodo 39:6|
Benza amatye ebherilo, abhijelwe ngomluko wegolide, akrolwa ngokukrolwa kwemisesane yokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli;
-
7
|Éxodo 39:7|
wawabeka ezizibeni zamagxa ze-efodi, aba ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
8
|Éxodo 39:8|
Walwenza ubengo, lwaba ngumsebenzi wengcibi yokuluka, njengokwenziwa kwe-efodi, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
-
9
|Éxodo 39:9|
Lwaba mbombo-ne, lwaphindwa, balwenza ubengo; ubuda balo baba ngangokolulwa kweminwe, ububanzi balo baba ngangokolulwa kweminwe luphindiwe.
-
10
|Éxodo 39:10|
Bafaka kulo imikrozo yamine yamatye; ukrozo lwesardiyo, netopazi, nesmarado, lwaba lukrozo lokuqala olo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7