-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Éxodo 39:21|
Balunxibelela ubengo ngamakhonkco alo, emakhonkcweni e-efodini, ngentsontelo yemisonto emsi, lwaba sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
22
|Éxodo 39:22|
Benza ingubo yokwaleka ye-efodi, umsebenzi womluki, yonke ngemisonto emsi.
-
23
|Éxodo 39:23|
Umqala wengubo yokwaleka waba sesazulwini sayo, njengomqala wesigcina-sifuba; waba nomphetho owujikelezileyo umqala, ukuze ungakrazuki.
-
24
|Éxodo 39:24|
Benza emqukumbelweni wengubo yokwaleka iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ephothiweyo.
-
25
|Éxodo 39:25|
Benza namankenteza egolide ecocekileyo, bawabeka amankenteza phakathi kweerharnate emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza phakathi kweerharnate:
-
26
|Éxodo 39:26|
yaba linkenteza nerharnate, inkenteza nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza; ukuba kulungiselelwe njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
27
|Éxodo 39:27|
Benza iingubo zangaphantsi ngelinen ecikizekileyo, umsebenzi womluki, ukuba zibe zezika-Aron noonyana bakhe;
-
28
|Éxodo 39:28|
nonkontsho, ngelinen ecikizekileyo; neminqwazi yokuhomba, ngelinen ecikizekileyo; neebhulukhwe, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, emhlophe;
-
29
|Éxodo 39:29|
nombhinqo, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, umsebenzi oyimfakamfele womluki, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
30
|Éxodo 39:30|
Benza nembasa, isithsaba esingcwele segolide ecocekileyo, babhala phezu kwayo umbhalo ngokrolo lomsesane wokutywina, othi, ingcwele kuYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7