-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
29
|Éxodo 39:29|
nombhinqo, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, umsebenzi oyimfakamfele womluki, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
30
|Éxodo 39:30|
Benza nembasa, isithsaba esingcwele segolide ecocekileyo, babhala phezu kwayo umbhalo ngokrolo lomsesane wokutywina, othi, ingcwele kuYehova.
-
31
|Éxodo 39:31|
Bayifaka umtya wemisonto emsi, yanxitywa elunkontshweni phezulu, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
32
|Éxodo 39:32|
Wagqitywa ke wonke umsebenzi womnquba wentente yokuhlangana. Benza oonyana bakaSirayeli njengako konke uYehova ebemwisele umthetho ngako uMoses, benjenjalo.
-
33
|Éxodo 39:33|
Bawuzisa umnquba kuMoses: intente nempahla yayo yonke, amakhonkco ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;
-
34
|Éxodo 39:34|
nesigubungelo sezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, nomkhusane osithelisayo;
-
35
|Éxodo 39:35|
netyeya yesingqino, nezibonda zayo, nesihlalo sokucamagusha;
-
36
|Éxodo 39:36|
netafile, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;
-
37
|Éxodo 39:37|
nesiphatho sezibane esihle, nezibane zaso, izibane ezicwangcisiweyo, nempahla yaso yonke, neoli yokukhanyisa;
-
38
|Éxodo 39:38|
nesibingelelo segolide, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso sokusithelisa umnyango wentente;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10