-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Éxodo 40:6|
usimise isibingelelo sedini elinyukayo phambi komnyango womnquba wentente yokuhlangana;
-
7
|Éxodo 40:7|
ulumise uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo.
-
8
|Éxodo 40:8|
Uze uyimise intendelezo ijikeleze, usixhome isisitheliso sesango lentendelezo.
-
9
|Éxodo 40:9|
Uze uthabathe ioli yokuthambisa, uthambise umnquba neento zonke ezikuwo, uwungcwalise nempahla yawo yonke, ube yingcwele;
-
10
|Éxodo 40:10|
uthambise isibingelelo sedini elinyukayo, nempahla yaso yonke, usingcwalise isibingelelo, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele;
-
11
|Éxodo 40:11|
uthambise uhehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ulungcwalise.
-
12
|Éxodo 40:12|
Uze usondeze uAron noonyana bakhe emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi;
-
13
|Éxodo 40:13|
umnxibe uAron izambatho ezingcwele, umthambise, umngcwalise, ukuze abe ngumbingeleli kum.
-
14
|Éxodo 40:14|
Wosondeza oonyana bakhe, ubanxibe iingubo zangaphantsi;
-
15
|Éxodo 40:15|
ubathambise njengoko wamthambisayo uyise, ukuze babe ngababingeleli kum; kuthi ukuthanjiswa kwabo kube kokobubingeleli obungunaphakade kubo, kwizizukulwana zabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7